9 Mandingabohlwayi ke ngenxa yento enje;ndingaziphindezeli kwisizwe esinjengesi?”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
10 “Ngena usivuthulule isidiliya sakhe,kodwa ungasibhuqi sonke.Wasuse amasebe aso,kuba aba bantu abangabo abakaNdikhoyo.
11 Kaloku indlu kaSirayeli nekaJuda azikhange zithembeke kum mpela.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
12 Kaloku aba bantu bayamxoka uNdikhoyo, bathi: “A, suka! Akazukwenza nto lowo, kungekho nanto iza kusihlela. Asiyi kuhlaselwa bani, kungazi kubakho ndlala apha.
13 Bona abashumayeli ngumoya nje; ilizwi alikho kubo. Maseliba ngabo abahlelwa yile ntlekele.”
14 Ngako oko utsho uNdikhoyo uThixo onamandla onke ukuthi: “Ngenxa yentetho yabo enje, amazwi am ndiza kuwenza abe ngumlilo emlonyeni wakho, bona aba bantu batshiswe nguloo mlilo okweenkuni.
15 “MaSirayeli, ndinizisela uhlanga oluvela kude.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. “Luhlanga lwamandulo olomeleleyo, oluntetho ningayivayo, kuba ningayazi.