18 Ke ngoko uNdikhoyo onamandla onke, uThixo kaSirayeli, utsho ukuthi:“Niyabona, ndiza kumohlwaya ukumkani waseBhabheli nelizwe lakhenjengoko ndamohlwayayo ukumkani waseAsiriya.
19 Ke yena uSirayeli ndiya kumbuyisela edlelweni lakhe,adle eKarmele naseBhashan,ahluthe ezintabeni zakwaEfrayim nezaseGiliyadi.
20 Ngaloo mihla nangelo xesha,”lowo ngumlomo kaNdikhoyo,“buya kufunwa ubugwenxa bukaSirayeli,kodwa bungabikho;ziya kufunwa nezono zikaJuda,kodwa zingafumaneki.Kaloku ndiya kuwaxolela loo masalela ndiwasindisayo.
21 “Lihlasele ilizwe laseMeratayim nabemi basePekode;babulale ubatshabalalise ngokupheleleyo.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.“Kwenze konke endikuyalele kona.
22 Isithonga semfazwe sivakala elizweni,isandi sobhukuqo olukhulu.
23 Nantso intlekekile ihamile eyayikhanda ihlabathi!Hayi ukuba ngamanyumnyezi kweBhabheli phakathi kweentlanga!
24 Ndikuthiyele, Bhabheli,wabanjiswa ungaqondi.Ufunyenwe, wabhajiswa,kuba uchasene noNdikhoyo.