40 Njengoko uThixo wazibhukuqayo iSodom neGomorakwakunye needolophu ezingqongileyo,kwangokunjalo akuyi kuhlala bani,kungayi kuphambukela mntu khona.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
41 “Niyabona, kuza abantu, bevela entla;uhlanga olukhulu nookumkani abaninzi bayaxhokonkxwa,bevela eziphelweni zehlabathi.
42 Baxhobe izaphetha nemikhonto;bazizikhohlakali ezingenamfesane.Isingqi sokufika kwabo bekhwele amahashekunga kukugquma kolwandle.Baxhobe baf' amacala,khon' ukuze bahlasele wena, ntombindini Bhabheli.
43 Ukumkani waseBhabheli uve iindaba ngabo,zangenwa ngumkhinkqi iingalo,lwangongoza uvalo oku komfazi olunywayo.
44 Niyabona, njengengonyama ephuma kwiintshinyela zamatyholo eJordan,iye emadlelweni ahlala eyokozela,kuya kuba njalo ukuyigxotha kwam ngephanyazo kwelakowayo iBhabheli.Ngubani na onyuliweyo nendiya kumalatha ukuze andenzele oku?Kakade ngubani onjengam onokumelana nam,ingubani umalusi onokuxaba endleleni yam?”
45 Ke ngoko liveni icebo likaNdikhoyo alicebileyo ngeBhabheli,izigqibo zakhe agqibe ngazo ngokubhekisele kwilizwe lamaKaledi.Inene, namatakane aya kuqwengwa,umhlambi uthi khumnqa ngenxa yawo.
46 Ihlabathi liya kunyikima sisithonga sokuthinjwa kweBhabheli,isikhalo sayo sivakale ezintlangeni.