9 Kuba kaloku kwelasentla ndiya kuvelisa igqiza leentlanga ezinkulu;ndizifunzela eBhabheli.Ziya kuwacwangcisa amajoni, abe zizintlu zokulwa,ziyihlasele zivela ngasentla, ziyithimbe.Iintolo zabo ziya kuba njengamagorha anobuchule angabuyi elambatha.
10 Loba lixhoba elamaKaledi,abathimbi balo bathimbe bade banele.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
11 “Nakuba nivuya nidlamkile,nina baphangi belifa lam,nakuba nidloba njengethokazi elibhulayo,nakuba nikhala okweenkunzi zamahashe,
12 uya kuba neentloni gqitha unyoko iBhabheli;uya kuhlazeka onizeleyo.Niyabona, uya kuba ngowokugqibela ezintlangeni –intlango, umqwebedu, inkqantosi.
13 Ngenxa yengqumbo kaNdikhoyo uya kuba sisixeko esingamiwa bani,indawo eyinkangala mpela.Bonke abadlulayo eBhabeli baya kothuka,bathi khumnqa ngenxa yokubhukuqwa kwayo.
14 “Yakhani uhlelo, niyingqinge iBhabheli,nina nonke batyedi besaphetha.Tolani nitsho kuyo, ningashiyi lutolo,kuba imonile uNdikhoyo.
15 Hlabani umkhosi macala onke!Iyanikezela –iinqaba zayo ziwile;iindonga zayo zidiliziwe.Yimpindezelo kaNdikhoyo le;phindezelani ke kuyo,nenze kuyo njengoko nayo yenze kwabanye.