14 UNdikhoyo onamandla onke ufungile, ezifunga ngokwakhe,wathi: ‘Ndokutsho uzale ngabantu ngathi ziinkumbi.Iya kuba yimihelele bevuya ngenxa yokoyiswa kwakho.’
15 “Ngulowenza ihlabathi ngamandla akhe;ngulozinzisa elimiweyo ngobulumko bakhe,waza walitwabulula izulu ngokwengqiqo yakhe.
16 Akuvakalisa ilizwi lakhe amanzi ayazongoma ezulwini,kufunquke amafu emaphethelweni omhlaba.Uthumela umbane kunye nemvula,athulule umoya koovimba bakhe.
17 “Bonke ziziyatha ezingenalwazi;ingcibi yegolide iyahlazeka ngenxa yemifanekiso eyiqingqileyo.Imifanekiso yayo eyityhidileyo bubuxoki –kaloku ayinawo umphefumlo.
18 Ingamampunge – izizinto zokugxekwa;ngemini yomgwebo iya kutshabalala.
19 Akanjengabo yena uSahlulelo sikaYakobi –kaloku yena nguMbumbi weento zonke,kwanowesizwe ke esililifa lakhe.NguNdikhoyo uSomandla-onke igama lakhe.
20 “Nguwe, Bhabheli, ibhunguza lam;usisikrweqe sam sokulwa.Ndiya kuzihlekeza ngawe iintlanga,ndizonakalise ngawe izikumkani.