30 Amagorha aseBhabheli ayekile ukulwa;akasaphumi ezinqabeni.Ubugorha bawo buphelile;basuke baba njengabafazi.Izindlu zazeBhabheli zintunyekwe umlilo;yaphukile imivalo yamasango ayo.
31 Isigidimi sandulela isigidimi,umbiki alandele umbiki,bonke bebikela ukumkani waseBhabheli ukuba isixeko sakhe sonke sithinjiwe,
32 besithi amazibuko avingciwe,iingcongolo ezingasesizibeni somlambo zantunyekwa umlilo,asuka amajoni ankwantya luloyiko.”
33 Utsho uNdikhoyo onamandla onke, uThixo kaSirayeli, ukuthi:“Intombi eyiBhabheli injengebala lokubhulelangexesha lokugangathwa kwalo;ngexesha elingephi wofika umhla wokuba kuvunelwe kulo.”
34 “Usidlile uNebhukadenezare ukumkani waseBhabheli;usimfimfithe wasishiya sisisitya esize.Usiginye njengengwenya,izimuncu-muncu zethu wazenza ukutya kwakhe,waza wasenza into yokuxukuxa.
35 Ugonyamelo esiluve emizimbeni yethumalubuyekezwe kwiBhabheli,”batsho abemi beZiyon.“Igazi lethu malibizwe kubemi belamaKaledi,”itsho iJerusalem.
36 Ke ngoko utsho uNdikhoyo ukuthi:“Uyabona, ndiya kukugwebela, ndikuphindezele.Ndiya kulwenza lutshe ulwandle lweBhabheli,utsho wome umthombo wayo.