32 besithi amazibuko avingciwe,iingcongolo ezingasesizibeni somlambo zantunyekwa umlilo,asuka amajoni ankwantya luloyiko.”
33 Utsho uNdikhoyo onamandla onke, uThixo kaSirayeli, ukuthi:“Intombi eyiBhabheli injengebala lokubhulelangexesha lokugangathwa kwalo;ngexesha elingephi wofika umhla wokuba kuvunelwe kulo.”
34 “Usidlile uNebhukadenezare ukumkani waseBhabheli;usimfimfithe wasishiya sisisitya esize.Usiginye njengengwenya,izimuncu-muncu zethu wazenza ukutya kwakhe,waza wasenza into yokuxukuxa.
35 Ugonyamelo esiluve emizimbeni yethumalubuyekezwe kwiBhabheli,”batsho abemi beZiyon.“Igazi lethu malibizwe kubemi belamaKaledi,”itsho iJerusalem.
36 Ke ngoko utsho uNdikhoyo ukuthi:“Uyabona, ndiya kukugwebela, ndikuphindezele.Ndiya kulwenza lutshe ulwandle lweBhabheli,utsho wome umthombo wayo.
37 IBhabheli iya kuba linxuwa,ibe sisikhundla soodyakalashe,nento esisothuso nesigculelo,indawo engamiwa bani.
38 Abantu bayo xa bebonke bagquma njengeengonyama,babharhula njengamathole eengonyamakazi.