60 UJeremiya wabubhala encwadini enye bonke ububi obuya kuyifikela iBhabheli (konke okusekubhaliwe malunga neBhabheli)
61 waza wathi kuSeraya: “Wakufika eBhabheli nakanjani na uze uwafunde ngokuvakalayo onke la mazwi.
62 Uze uthi: ‘Ndikhoyo, uthethile ngale ndawo, usithi uza kuyitshabalalisa, ingabi samiwa mntu, kungabi sabakho namfuyo kuyo, koko ibe ngamanxuwa ngonaphakade.’
63 “Xa ugqibile ukuyifunda le ncwadi, uzubophelele ilitye kuyo, uyiphose esazulwini somlambo iEfrati,
64 uthi: ‘Iya kwenjenje iBhabheli ukutshona, ingaphinde iphume, ngenxa yobubi mna Ndikhoyo endiya kuyihlisela bona. Abemi bayo bafumene babulaleka ilize.’ ”Aphela apha amazwi kaJeremiya.