28 Nali ke inani labantu wabafudusayo uNebhukadenezare:Kunyaka wesixhenxe: amaJuda angamawaka amathathu anamashumi amabini anantathu;
29 kunyaka weshumi elinesibhozo elawula uNebhukadenezare: abantu abangamakhulu asibhozo anamashumi amathathu anambini ababephuma eJerusalem;
30 kunyaka wakhe wamashumi amabini anantathu: amaJuda angamakhulu asixhenxe anamashumi amane anantlanu athinjwe nguNebhuzaradan ingqwayi-ngqwayi yabalindi bakomkhulu.Yayingabantu abangamawaka amane anamakhulu amathandathu bebonke.
31 Ke kaloku kwathi ngonyaka wamashumi amathathu anesixhenxe wathinjwayo uJoyakin ukumkani wakwaJuda, nyaka lowo waqala ngawo ukulawula uEvili-merodaki ukumkani waseBhabheli, wasuka wamkhulula uJoyakin entolongweni. Loo nto ke yenzeka ngomhla wamashumi mabini anesihlanu kwinyanga yeshumi elinambini.
32 Wathetha naye ngobulali, wamnika isihlalo sembeko esingaphezu kwezo zabanye ookumkani awayenabo apho eBhabheli.
33 Ngoko ke uJoyakin wazikhulula iimpahla zasentolongweni, waza wasoloko esesithebeni sokumkani lonke ithuba lobomi bakhe.
34 Ukumkani lowo ke wathi rhoqo ukumnika umxhesho uJoyakin, loo nto eyenza imihla ngemihla ngabo bonke ubomi bukaJoyakin.