1 Nanku umlomo kaNdikhoyo: “Ngelo xesha amathambo ookumkani bakwaJuda, naweendwalutho zalapho, awababingeleli kunye nabashumayeli kwakunye nabemi baseJerusalem, aya kukhutshwa emangcwabeni.
2 Aya kubhencwa elangeni nasenyangeni nasezinkwenkwezini ababezithanda bezikhonza, bekhokelwa zizo, bebuzisa kuzo, benqula zona. Aya kuthi saa phezu komhlaba oku kwamalongwe, angafihlwa bani.
3 Amasalela olu hlanga lukhohlakeleyo, endiya kuwathi saa elizweni, aya kukhetha ukufa endaweni yokudla ubomi kwezo ndawo akuzo.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo uSomandla-onke.
4 “Yithi kubo: Utsho *uNdikhoyo ukuthi: Xa umntu ewile, kanene akabuyi avuke na? Xa ebephambukile, akabuyi ayilande indlela?