3 Amasalela olu hlanga lukhohlakeleyo, endiya kuwathi saa elizweni, aya kukhetha ukufa endaweni yokudla ubomi kwezo ndawo akuzo.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo uSomandla-onke.
4 “Yithi kubo: Utsho *uNdikhoyo ukuthi: Xa umntu ewile, kanene akabuyi avuke na? Xa ebephambukile, akabuyi ayilande indlela?
5 Ke, ngabantu abatheni bona aba baseJerusalem bathe rhoqo ukukreqa kum? Ngabatheni aba banamathele kumampunge, besala ukubuyela kum?
6 Ndikhe ndabaz' iindlebe, kodwa akwabakho uthetha nto ifanelekileyo, akwabakho namnye uyidaneleyo inkohlakalo yakhe, akwabakho bani uzohlwayayo athi: ‘Bendiyenzela ntoni le nto?’ Ulowo nalowo uhamba ngayibonayo, axel' ihashe lityhudisela edabini.
7 Nditsho nengwamza le ibhabh' emafini iyalazi ixesha lokujika. Iinkonjane, amahlankomo, nkqu nendwe le, iyalazi ixesha lokufuduka, kodwa bona abantu bam abazani nezithethe zam.
8 “Ningatsho njani ukuthi: ‘Sihlakaniphile; siyawazi umthetho kaNdikhoyo;’ ukanti inyaniso yawo seyigqwethiwe ngababhali-mthetho!
9 Izilumko zenu zihlazekile, zibhidekile, kuba zibhaqiwe. Kaloku ilizwi lam zilibukule nje, zinabulumko buvela phi?