1 Kwangelo xesha ke kwabakho abathile abâmxeleláyo uYesu ngamaGalili, awathi esenzela uThixo amadini, abulawa nguPilato.
2 Waphendula uYesu wathi kubo: “Niba loo maGalili ebengabôni ngaphezulu kwawo onke amanye amaGalili, kuba evé ubunzima obunjalo?
3 Nakanye! Inene, nani ukuba anithanga niguquke, notshabalala kwangokunjalo nonke.
4 Khanitsho ke, bona abo balishumi elinesibhozo abawelwa yinqaba eSilowa bafa, niba babenetyala ngaphezu kwabo bonke abantu baseJerusalem?
5 Nakanye! Inene, nani ukuba anithanga niguquke notshabalala kwangokunjalo nonke.”