16 Waza ke yena wathi kuye: “Umntu othile wênza isidlo esikhulu, wamema abantu abaninzi.
17 Ngexesha lesidlo uthume isicaka sakhe ukuba siye kuxelela abamenyiweyo ukuba beze, kuba konke kwakusekulungisiwe.
18 Baza ke bonke ngabanye bazilandula, owokuqala esithi kuye: ‘Ndithenge intsimi. Kufuneka ndiphume ndiye kuyibona. Ndiyakucela, ndixolele; andiphumeleli.’
19 Omnye wathi: ‘Ndithenge iinkabi ezilishumi. Ndisaya kuziva. Ndiyakucela, ndixolele; andiphumeleli.’
20 Nomnye wathi: ‘Ndisand' ukutshata. Ngenxa yoko andinakuza.’
21 Ke isicaka eso sibuyele enkosini yaso, sayixelela ezo zinto. Waza waqumba umnini-ndlu, wathi kwisicaka sakhe: ‘Khawuleza uye ezitalatweni nasezirhangeni zedolophu, uqokelele amahlwempu nezilima neemfama neziqhwala.’
22 Saza isicaka sathi: ‘Nkosi, kwenzeké njengoko uyalele, kanti indawo isekho.’