17 Ngexesha lesidlo uthume isicaka sakhe ukuba siye kuxelela abamenyiweyo ukuba beze, kuba konke kwakusekulungisiwe.
18 Baza ke bonke ngabanye bazilandula, owokuqala esithi kuye: ‘Ndithenge intsimi. Kufuneka ndiphume ndiye kuyibona. Ndiyakucela, ndixolele; andiphumeleli.’
19 Omnye wathi: ‘Ndithenge iinkabi ezilishumi. Ndisaya kuziva. Ndiyakucela, ndixolele; andiphumeleli.’
20 Nomnye wathi: ‘Ndisand' ukutshata. Ngenxa yoko andinakuza.’
21 Ke isicaka eso sibuyele enkosini yaso, sayixelela ezo zinto. Waza waqumba umnini-ndlu, wathi kwisicaka sakhe: ‘Khawuleza uye ezitalatweni nasezirhangeni zedolophu, uqokelele amahlwempu nezilima neemfama neziqhwala.’
22 Saza isicaka sathi: ‘Nkosi, kwenzeké njengoko uyalele, kanti indawo isekho.’
23 Yathi inkosi kwisicaka eso: ‘Phuma uye ezindleleni, nasezindledlaneni, ubanyanzele bangene, ukuze indlu yam izale.