10 Ngokunjalo ndithi kuni kuya kubakho uvuyo kwizithunywa zikaThixo ngomoni omnye oguqukayo.”
11 Waqhuba uYesu wathi: “Umntu othile wayenoonyana ababini.
12 Yathi ke inci kuyise: ‘Bawo, ndinike isabelo sempahla elilungelo lam.’ Wababela ke impahla leyo.
13 Kwathi, kungekabi ntsuku zingaphi, inci yathatha konke okwayo, yemka kwelakowayo, yaya ezweni elikude, yaza yathi khona apho yayichitha impahla yayo ngokungakhathali.
14 Kwathi yakuba iyichithe yonke, kwabakho indlala enzima kwelo zwe, yaza yaswela nayo.
15 Ke yona yaya kusebenza komnye kubemi belo zwe, owathi yena wayithumela emasimini akhe ukuba iye kwalúsa iihagu.
16 Ke ibinqwenela ukutya amaxolo awayetyiwa ziihagu ezo, kodwa kwakungekho mntu uyiphayo.