28 Yaqumba inkulu, ayavuma nokungena oku, waza uyise waphuma wacengana nayo.
29 Kodwa yona imphendule uyise yathi: ‘Khangela, ndikukhonze le minyaka ingakanana, ndingazange ndagqitha namnye umthetho wakho, kanti akuzange undinike netakane eli, ukuze ndichwayite nezam izihlobo.
30 Kodwa akufika lo nyana wakho, lo wayidlayo wayigqiba impahla yakho namahenyukazi, usuke wamxhelela elaa thole lityetyisiweyo.’
31 Ke uyise wathi kuyo: ‘Nyana wam, wena uhleli unam, zaye zonke izinto zam zezakho.
32 Kufanelekile ukuba sichwayite sigcobe, kuba umninawa wakho lo ebefile wabuya waphila, ebelahlekile wafunyanwa.’ ”