16 “Kwakulawula *umthetho kaMosis nezibhalo *zabashumayeli bamandulo kwada kwaba yimihla kaYohane umbhaptizi. Ukususela ngoko kushunyayelwa iindaba ezimnandi zolawulo lukaThixo oluthwasileyo. Ke bonke beza kulo begxalathelana.
17 Kulula ukuba lidlule izulu nehlabathi kunokuba kucinywe nechaphazana eli lomthetho.
18 “Wonke umntu omalayo umfazi wakhe, azeke omnye, uyakrexeza; nomntu wonke ozeka umfazi owalene nendoda yakhe, uyakrexeza.”
19 “Kwakukho sityebi sithile, esasivatha ezimbeje-mbeje, sisitya oozimuncu-muncu yonke imihla.
20 Esangweni laso kwakudla ngokusiwa hlwempu lithile, ligama linguLazaro, elalizele zizilonda,
21 lisoloko linqwenela ukutya nokuba yimvuthuluka ewa etafileni yesityebi eso. Bezisiza izinja, zikhothe izilonda zalo.
22 “Ke kaloku lafa ihlwempu elo, lasiwa kuAbraham zizithunywa zezulu. Safa ke nesityebi, sangcwatywa.