37 Ke kaloku akusondela ethambekeni leNtaba yemiNquma, yathi yonke inkitha yabafundi yavuya, yadumisa uThixo imemelela, imdumisa ngayo yonke imimangaliso eyayibonayo,
38 isithi: “Makabongwe lo Kumkani uzayo egameni leNkosi! Uxolo ezulwini; udumo kweliphezulu!”
39 Abathile *kubaFarasi esihlweleni apho bathi kuYesu: “Mfundisi, bakhalimele abafundi bakho.”
40 Waphendula wathi kubo: “Inene, kungáthi nje kukhe kwathi cwaka aba, kunkqangaze namatye la.”
41 Akusondela uYesu, esibona isixeko, wasililela
42 esithi: “Akwaba nawe, Jerusalem, ubuzazi namhlanje izinto ezikuzisela uxolo! Kodwa ngoku zifihlakele kuwe!
43 Kuya kufika imihla eziya kuthi iintshaba zakho zakhe udonga lokuzikhusela ekukuhlaseleni kwazo, zikungqinge, zikuxine macala onke.