1 Kwathi ngaloo mihla kwaphuma ummiselo *kuKhesare Agasto othi lonke elimiweyo malibhalise.
2 Olu bhaliso lokuqala lwabakho uKireniyo eyirhuluneli yaseSiriya.
3 Babesithi ke bonke baye kubhalisa, elowo kweyakowabo idolophu.
4 UJosefu ke waphuma kwelaseGalili, kwidolophu iNazarete, waya kwelakwaJuda, kwidolophu kaDavide eyiBhetelehem, kuba wayengowomlibo kaDavide.
5 Wayesiya kubhalisa, enoMariya owayesendela kuye. Yena wayeselekhulelwe,
6 kwaza kwathi belapho lafika ixesha lokubeleka kwakhe.
7 Wamzala ke unyana wakhe wamazibulo, wamsongela eziqhiyeni, wamlalisa emkhumbini wesitali, kuba kwakungekho ndawo endlwini yabahambi.