44 Babeba usemxukuxeleni wabahambi, baza bahamba uhambo lwamini-nye. Bamana bemfuna ke phakathi kwezizalwane nabazana nabo.
45 Bathe bakungamfumani babuyela eJerusalem bemfuna.
46 Kwathi ke emva kweentsuku ezintathu bamfumana *endlwini kaThixo, ehleli nabafundisi, ebaphulaphula, ebabuza nokubabuza.
47 Bonke abamváyo babemangalisiwe yingqondo yakhe naziimpendulo zakhe.
48 Abazali bakhe bakumbona bathi manga, unina wathi kuye: “Mntanam, yini na ukuba usenjenje? Uyabona, uyihlo nam besikufuna sixhalabile.”
49 Wathi kubo uYesu: “Benindifunela ntoni na? Beningazi na ukuba ndimelwe kukuba sendlwini kaBawo?”
50 Ke bona abayiqondanga into awayeyithetha kubo.