18 Ke akuyi kutshabalala nonwele olu lwentloko yenu.
19 Nothi ke ngokunyamezela kwenu nibuzuze ubomi benu.”
20 “Xa nithe nayibona iJerusalem irhawulwe yimikhosi, yazini ukuba kusondele ukutshabalala kwayo.
21 Ngelo xesha mabathi abakwelakwaJuda babalekele ezintabeni, bathi abo bangaphakathi kwayo iJerusalem baphume bemke. Ke abo basemaphandleni mabangangeni eJerusalem.
22 Yoba yimihla yempindezelo leyo, ukuze kuzaliseke konke okubhalwe *eziBhalweni.
23 Hayi ke abanzima nabanyisayo ngaloo mihla! Kuya kubakho imbandezelo enkulu elizweni, ingqumbo kaThixo ibe phezu kwaba bantu.
24 Baya kubulawa ngekrele, bathinjwe, basiwe kuzo zonke iintlanga. IJerusalem iya kutshatyalaliswa ziintlanga de liphele ixesha lazo.”