55 Kwakubaswe umlilo eyadini, kusothiwa, noPetros ke waya kotha kunye nabo.
56 Isicakazana esithile simbonile uPetros ehleli ngasemlilweni, samqwalasela, sathi: “Naló ebekunye naye!”
57 Wakhanyela ke yena esithi: “Ntokazindini, andimazi loo mntu!”
58 Kwakuba mzuzwana, wabonwa ngomnye owathi: “Nawe ungowabo.”Waza wathi uPetros: “He mfondini, andinguye!”
59 Malunga neyure emva koko omnye watsho eqinisekile wathi: “Inene, nalo ikwanguwabo, kuba ukwangowaseGalili.”
60 Wathi uPetros: “Mfondini, andazani tu nale nto uyithethayo!”Kwathi kwangoko, esathetha, yakhala inkuku.
61 Yajika iNkosi, yakhangela kuPetros. Walikhumbula ke uPetros ilizwi leNkosi elithi: “Namhlanje ingekakhali inkuku, wondikhanyela kathathu.”