59 Malunga neyure emva koko omnye watsho eqinisekile wathi: “Inene, nalo ikwanguwabo, kuba ukwangowaseGalili.”
60 Wathi uPetros: “Mfondini, andazani tu nale nto uyithethayo!”Kwathi kwangoko, esathetha, yakhala inkuku.
61 Yajika iNkosi, yakhangela kuPetros. Walikhumbula ke uPetros ilizwi leNkosi elithi: “Namhlanje ingekakhali inkuku, wondikhanyela kathathu.”
62 Waphuma phandle uPetros, watsho esikrakra.
63 Amadoda awayembambile uYesu, ayemenza intlekisa, emntlitha,
64 emgquma amehlo ambuze esithi: “Xela okubethileyo!”
65 Babethetha nezinye izinto ezininzi bemnyelisa.