1 Loo mpi yonke yamsa kuPilato uYesu;
2 yammangalela isithi: “Lo simfumene elahlekisa uhlanga, engavumi ukuba sirhafe *kuKhesare, esithi yena unguye *uKrestu uKumkani.”
3 UPilato ke wambuza esithi: “Unguye na uKumkani wamaJuda?”Waphendula yena wathi: “Nawe utsho.”
4 UPilato wathi kubabingeleli abaziintloko nakwisihlwele: “Andifumani tyala kulo mntu.”
5 Kwaba kukhona bazingisayo besithi: “Údungadunga abantu, efundisa kulo lonke elakwaJuda, ukususela kwelaseGalili, kude kube lapha.”
6 Akuva kukhankanywa elaseGalili, uPilato wabuza ukuba uYesu ngowalapho na;