50 Ke kwakukho indoda egama linguJosefu, eyayililungu leBhunga, iyindoda elungileyo elilungisa.
51 Yona yayingavumelananga necebo labo kwanesenzo sabo. Le ndoda yaseArimati, idolophu yamaJuda, yayilulindele ulawulo lukaThixo.
52 Yona ke yaya kuPilato, yawucela umzimba kaYesu;
53 yaza yawuthula, yawusongela ngengubo yelinen, yawubeka engcwabeni elixholwe eliweni, ebekungekangcwatywa bani kulo.
54 KwakungoLwesihlanu, *uMhla wokuPhumla sewusondela.
55 Abo bafazi bàbelandela uYesu, bephuma eGalili, bâlandela uJosefu, balibona ingcwaba nomzimba kaYesu ubekwa kulo;
56 baza babuya, balungisa iziqholo nezithambiso.Baphumla ke ngoMhla wokuPhumla ngokomthetho.