51 Yona yayingavumelananga necebo labo kwanesenzo sabo. Le ndoda yaseArimati, idolophu yamaJuda, yayilulindele ulawulo lukaThixo.
52 Yona ke yaya kuPilato, yawucela umzimba kaYesu;
53 yaza yawuthula, yawusongela ngengubo yelinen, yawubeka engcwabeni elixholwe eliweni, ebekungekangcwatywa bani kulo.
54 KwakungoLwesihlanu, *uMhla wokuPhumla sewusondela.
55 Abo bafazi bàbelandela uYesu, bephuma eGalili, bâlandela uJosefu, balibona ingcwaba nomzimba kaYesu ubekwa kulo;
56 baza babuya, balungisa iziqholo nezithambiso.Baphumla ke ngoMhla wokuPhumla ngokomthetho.