20 Suka ke yena uHerode wavalela uYohane lowo entolongweni.
21 Ke ekubhaptizweni kwento eninzi yabantu, noYesu ebhaptiziwe, kwathi ethandaza, lavuleka izulu,
22 wehlela phezu kwakhe uMoya oyiNgcwele enembonakalo yehobe. Kwavakala nezwi livela ezulwini, lisithi: “UnguNyana wam endimthandayo wena; ndikholisiwe nguwe!”
23 Ukuqala kwakhe ukufundisa uYesu wayemalunga neminyaka emashumi mathathu ezelwe. Kwakusithiwa ungunyana kaJosefu, kaEli,
24 kaMatati, kaLevi, kaMeleki, kaJana, kaJosefu,
25 kaMatatiya, ka-Amos, kaNahum, kaHesli, kaNagayi,
26 kaMathi, kaMatatiya, kaShimeyi, kaYoseki, kaJoda,