14 UYesu ke wayiyala esithi mayingaxeleli bani, waza wathi: “Hamba uye kuzibonisa kumbingeleli, wenze umnikelo ngezo zinto wazimiselayo uMosis, ube bubungqina bokuhlanjululwa kwakho.”
15 Kwaba kukhona ke uYesu angundabamlonyeni; kwaza kwabuthelana isihlwele esikhulu, sisiza kumphulaphula nokuphiliswa nguye kwizifo ngezifo.
16 Ke yena uYesu wayemana ukuya esiguqweni ngasese, athandaze.
17 Kwathi ngamini ithile uYesu efundisa, kwafika *abaFarasi nabachazi-mthetho, bephuma kuzo zonke iindolophu zelaseGalili nelakwaJuda, naseJerusalem. Amandla eNkosi ayekho kuye, ephilisa.
18 Nako ke kufika amadoda ethwele ngokhuko umntu ofe umzimba, efuna ukumngenisa endlwini, ambeke phambi koYesu.
19 Exakiwe kukumngenisa ngenxa yokuxinana kwesihlwele, akhwela phezu kwendlu, aqhaqha uphahla, amhlisa ngokhuko, ambeka phakathi, phambi koYesu.
20 Akulubona uYesu ukholo lwawo, wathi kofe umzimba: “Mfondini, izono zakho zixolelwe.”