18 Nako ke kufika amadoda ethwele ngokhuko umntu ofe umzimba, efuna ukumngenisa endlwini, ambeke phambi koYesu.
19 Exakiwe kukumngenisa ngenxa yokuxinana kwesihlwele, akhwela phezu kwendlu, aqhaqha uphahla, amhlisa ngokhuko, ambeka phakathi, phambi koYesu.
20 Akulubona uYesu ukholo lwawo, wathi kofe umzimba: “Mfondini, izono zakho zixolelwe.”
21 Baza abachazi-mthetho nabaFarasi bathetha bodwa besithi: “Yini na ukuba lo mntu anyelise ngolu hlobo? Ngubani kakade onako ukuxolela izono ngaphandle koThixo?”
22 UYesu ke, ezazi iingcamango zabo, wabaphendula wathi kubo: “Yini na ukuba nibe nezi ngcamango ezintliziyweni zenu?
23 Okukona kulula kukuphi? Kukho ukuthi: ‘Izono zakho zixololwe,’ kukho nokuthi: ‘Vuka uhambe’?
24 Ke ukuze nazi ukuba yena *uNyana woLuntu unalo igunya lokuxolela izono emhlabeni apha – úthi kofe umzimba – ndithi kuwe: ‘Vuka, uthathe ukhuko lwakho, uhambe ugoduke!’ ”