17 Ke ezi ndaba zingaye uYesu zavakala kulo lonke elakwaJuda, nakuwo wonke loo mmandla.
18 Abafundi bakaYohane bambalisela zonke ezi zinto. UYohane ke, ebize babini kubafundi bakhe,
19 wabathuma ukuba babuze kwiNkosi bathi: “Ungulowo uzayo na wena, okanye masilinde omnye?”
20 Efikile ke kuYesu, amadoda lawo athi: “UYohane umbhaptizi usithume kuwe esithi: ‘Ungulowo uzayo na wena, okanye masilinde omnye?’ ”
21 Ke kaloku, kwangelo xesha, uYesu wayephilisa abaninzi kwizifo zabo, nakwizibetho zabo, nakwiindimoni, waza neemfama ezininzi wazinika ukubona.
22 Waphendula ke uYesu wathi kuwo: “Hambani niye kumbalisela uYohane izinto enizibonileyo nenizivileyo; okokuba iimfama zibuya zibone, iziqhwala ziyahamba, abaneqhenqa bayahlanjululwa, izithulu ziyeva, abafileyo bayavuswa, abasweleyo bayazishunyayezwa iindaba ezimnandi.
23 Unoyolo ke othe akakhutyekiswa ndim!”