24 kuba othe wabukokosa ubomi bakhe, wolahlekelwa bubo; kodwa othe wabuncama ubomi bakhe ngenxa yam, wobusindisa.
25 Kuba kaloku komnceda ntoni na umntu ukuba uthe walizuza ihlabathi liphela, abe yena ezilahlile okanye onakalelwe?
26 Kuba othe waneentloni ngam, nangamazwi am, naye uNyana woLuntu woba neentloni ngaye, xa eza esewongeni lakhe nelikaYise nelezithunywa ezingcwele.
27 Inene, kukho abathile kwabakhoyo apha abangayi kuze beve kufa, bade balubone ulawulo olutsha lukaThixo.”
28 Kwathi, malunga neveki emva kokuba uYesu ezithethile ezi zinto, wathatha uPetros noYohane noYakobi, wenyuka nabo waya entabeni, esiya kuthandaza.
29 Kwathi ethandaza njalo, ubuso bakhe babonakala bububumbi, nesambatho sakhe siqaqambile, simenyezela.
30 Kwavela amadoda amabini, uMosis noEliya, bathetha naye.