4 Nasemzini enithe nafikela kuwo, hlalani khona nide nimke kuloo ndawo.
5 Apho sukuba benganamkeli, manithi ekuphumeni kwenu kuloo dolophu, niluvuthulule nothuli olusezinyaweni zenu, ukuze oko kube bubungqina bokuba abanamkelanga.”
6 Baphuma ke, bazityhutyha iidolophana, beshumayela iindaba ezimnandi, bephilisa kuzo zonke iindawo.
7 UHerode, owayephethe kuloo mmandla, waziva zonke izinto ezenziweyo nguYesu. Wasuka wanexhala, kuba kwakusithiwa: “Kuvuke uYohane kwabafileyo;”
8 kusithiwa: “Kubonakele uEliya;” kusithiwa ngabanye: “Kubuye kwavuka *umshumayeli wexesha lamanyange.”
9 UHerode ke wathi: “Ndamnqumla intloko nje uYohane. Ngaba ngubani ke lo ndiva kuthethwa ezi zinto ngaye?” Watsho wafuna ukumbona.
10 Ekubuyeni kwabo *abathunywa bamxelela uYesu oko bakwenzileyo. Wabathatha ke, wemka nabo, waya kwidolophu ekuthiwa yiBhetesayida.