5 Ngelo xesha uThixo akamnikanga nendawana le uAbraham kulo mhlaba, ukuba ayime: hayi, nditsho nomhlathana lo womhlaba! Kodwa kananjalo uThixo wamthembisa uAbraham ukuba uya kumnika loo mhlaba, awume yena nezizukulwana zakhe emva kwakhe. Ukusenza kwakhe uThixo esi sithembiso uAbraham wayengekazali mntwana.
6 UThixo wathetha ngolu hlobo kuye: ‘Isizukulwana sakho siya kufuduka, siye kuhlala elizweni lasemzini, apho siya kuba ngamakhoboka, sibandezeleke iminyaka engamakhulu amane.
7 Kodwa mna ndiya kubagweba abo bantu siphantsi kwabo; kuze kuthi emva kwelo thuba, babuye kwelo lizwe, beze kundikhonza kule ndawo.’
8 Waza uThixo wamnika ulwaluko uAbraham ukutywina loo mnqophiso. UAbraham ke wamolùsa uIsake ngosuku lwesibhozo ezelwe, waza ngokukwanjalo uIsake wamolùsa uYakobi, noYakobi wenza kwaloo nto kookhokho abalishumi elinambini.
9 “Oobawo bammonela uJosefu, bamthengisa waba likhoboka eJiputa. Kodwa uThixo waba naye,
10 wamweza kuzo zonke iinkxwaleko awaba kuzo. Akusiwa phambi kokumkani waseJiputa, uThixo wamenza wathandeka uJosefu, wampha nobulumko. Ukumkani wammisela uJosefu wayirhuluneli yelaseJiputa nekomkhulu lakhe.
11 Kwabakho indlala enkulu kulo lonke elaseJiputa nelaseKanana, ababi nakufumana nokutya oku ookhokho, ikati ilele eziko.