1 Umphefumlo wam udimele bubomi bam;Ngoko ndiya kuyivulela inkalazo yam phakathi kwam;Ndithèthe, úkrakra umphefumlo wam;
2 Ndíthi kuThixo, Musa ukundigweba;Ndazíse ukuba ubambene nam ngani na?
3 Kulungile na kuwe ukuba ucudise,Ukuba ucekise ukuxelenga kwezandla zakho,Ulibengezelele iqhinga labangendawo?
4 Ùnamehlo enyama na?Ùbona ngokubona komntu na?
5 Injengemihla yomntu na imihla yakho,Iminyaka yakho injengemihla yomfo na;
6 Ukuba nje ubufune ubugwenxa bam,Usingxoke isono sam,
7 Usazi nje ukuba andingongendawo,Nokuba akukho unokuhlangula esandleni sakho?