Uyobhi 37 XHO75

1 Inene, ngale nto iyagubha intliziyo yam,Ixhume endaweni yayo.

2 Phulaphulani, phulaphulani ukuguguma kwelizwi lakhe,Nokudumzela okuphumayo emlonyeni wakhe.

3 Úkusingisa ngaphantsi kwezulu lonke,Nombane wakhe uye emasondweni ehlabathi.

4 Emva kwawo kubhonga ilizwi;Ududuma ngezwi lobungangamsha bakhe;Akawulibazisi, xa livakalayo izwi lakhe.

5 UThixo ududuma ngezwi lakhe ngokubalulekileyo,Esenza izinto ezinkulu esingenakuzazi.

6 Kuba úthi kwikhephu, Yiwa uwele emhlabeni;Nakwisiphango semvula,Nakwisiphango seemvula ezinkulu zakhe.

7 Isandla soluntu lonke uyasitywina asivingcele,Ukuba babe nokwazi bonke abantu abenzileyo.

8 Amarhamncwa angena emlaleleni,Ahlale ezikhundleni zawo.

9 Engontsini yasentla kuvela isaqhwithi;Kumphephethi wasentla kuvela ukubanda.

10 Ngokuphefumla kukaThixo kuza umkhenkce,Ububanzi bamanzi bucutheke.

11 Kananjalo usindanisa ilifu ngamanzi amaninzi;Uphangalalisa amafu akhe abanekayo.

12 Wona ajikajika ngeenxa zonke ngokwalathiswa nguye,Ukuze enze konke awawamisela khonaEbusweni behlabathi elimiweyo;

13 Nokuba kungenxa yokubetha, nokuba kungenxa yehlabathi lakhe,Nokuba kungenxa yenceba, uyawafikisa.

14 Oko kubekele indlebe, Yobhi;Yima, uyigqale imisebenzi ebalulekileyo kaThixo.

15 Ùyazi na ukuwathwesa kukaThixo amafu akhe,Nokubengezelisa kwakhe ukubaneka kwawo?

16 Ùyazi na ukulinganiselwa kwamafu,Imisebenzi ebalulekileyo yoSokwazi?

17 Wena ungubo zifudumeleyo,Lakuzola ilizwe lulophu lwasezantsi;

18 Ùsikhánda usolule naye na isibhakabhaka,Esiqinileyo njengesipili esityhidiweyo?

19 Sázise esingákuthethayo thina kuye;Asinakucacisa nto ngenxa yobumnyama.

20 Wóbikelwa na ukuthi ndiyathetha?Umntu uthi makaginywe na?

21 Ke ngoku àkubonwa kukhanyaKukhazimlayo, kusesibhakabhakeni;Kudlula umoya, lise.

22 Entla kuziwa negolide;Phezu koThixo yindili eyoyikekayo.

23 USomandla asinakumfumana, mkhulu ngamandla;Akagwenxi siko nabuninzi bobulungisa.

24 Ngako oko bayamoyika abantu;Akabakhathalele bonke abalumke ngokwabo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42