Uyobhi 9 XHO75

Intetho yesibini kaYobhi

1 Waphendula uYobhi, wathi,

2 Okwenene, ndiyazi ukuba kunjalo;Ke angáthini na umntu lo ukuba lilungisa phambi koThixo?

3 Ukuba úthe yena wafuna ukubambana naye,Ubengemphenduli namnye umbuzo kweliwaka.

4 Úlumkile ngentliziyo, ukhaliphile ngamandla:Ngubani na okha agogotye kuye, aze asinde?

5 Uloshenxisa iintaba zingazi,Ukuba azibhukuqe ngomsindo wakhe;

6 Ulogungqisa ihlabathi, lisuke endaweni yalo,Zididizele iintsika zalo;

7 Ulothetha elangeni lingaphumi,Azitywine, azivingce, iinkwenkwezi ngeenxa zonke;

8 Ulotwabulula ixulu eyedwa,Anyathele emimangweni yolwandle;

9 Ulowenza iinkwenkwezi zeBhere,* namaKroza, nesiLimela,Neengontsi zasezantsi.

10 Ulowenza izinto ezinkulu ezingenakugocwagocwa,Nemisebenzi ebalulekileyo engenakubalwa.

11 Yabona, udlula phezu kwam, ndingamboni;Uthi phe, ndingamqondi,

12 Yabona, exwila, ngubani na ongamnqandayo?Ngubani na ongáthi kuye, Wènza ntoni na?

13 UThixo akawunqandi umsindo wakhe;Bayasibekeka phantsi kwakhe abancedi bakaRahabhi.

14 Ndingáthini na ke mna ukumphendula,Ndiwakhethe amazwi am okuphendula kuye?

15 Nokuba bendililungisa mna, bendingemphenduli;Ndingátarhuzisa kuphela kumgwebi wam.

16 Ukuba bendithe ndabiza, wandiphendula,Bendingekholwa ukuba ulibekele indlebe ilizwi lam;

17 Kanye ubeya kundityumza ngoqhwithela,Awandise amanxeba am ngelizé,

18 Angàndiphi nokuba ndiphefumle;Ke ubeya kundihluthisa ngobukrakra.

19 Ukuba yinto yamandla ekhalipha, úthi, Ndim okhoyo!Ukuba yinto yomgwebo, úthi, Ngubani na oya kundimema?

20 Ukuba bendithe ndalilungisa, umlomo wam ubuya kundigweba;Ukuba bendithe ndagqibelela, ubeya kundenza umjibilizi.

21 Ndigqibelele; àndiwukhathalele umphefumlo wam;Ndiyabucekisa ubomi bam.

22 Kúnye oko; ngenxa yoko ndithi,Ogqibeleleyo nongendawo úyabatshabalalisa.

23 Ukuba iziniya ithe yabulala ngesiquphe,Úya kugculela ukuqotywa kwabamsulwa.

24 Ihlabathi linikelwe esandleni sabangendawo;Uyabugqubuthela ubuso babagwebi balo.Ukuba kanti akunjalo, kwenziwe ngubani na ke?

25 Imihla yam ikhawulezé ngaphezu kwesigidimi;Ibalekile, ayibonanga kulungileyo;

26 Ithe phe njengemikhombe yeengcongolo,Njengokhozi luxwila ixhoba.

27 Ndákuthi, Ndiya kuyilibala inkalazo yam,Ndibuyeke ubuso bam, ndincumeze,

28 Ndisuka ndinxunguphale ziimbulaleko zam zonke,Ndazi ukuba akuyi kuthi ndimsulwa.

29 Kuthiwa ndingongendawo mna;Yini na le nto ndifumana ndizixhamla?

30 Nokuba bendithe ndazihlamba ngamanzi ekhephu,Ndazihlambulula izandla zam ngesepha,

31 Úbuya kundithi gxwa emhadini,Ndibe lisikizi nakwiingubo zam.

32 Kuba akamntu yena, njengam nje, ukuba ndimphendule,Siyé ndawonye ematyaleni.

33 Akukho mahluli phakathi kwethu,Wokubeka isandla sakhe phezu kwethu sobabini.

34 Makayisuse intonga yakhe kum,Isothuso sakhe masingandidandathekisi:

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42