Uyobhi 16 XHO75

Intetho yesiné kaYobhi

1 Waphendula uYobhi, wathi,

2 Ndivé izinto ezininzi ezinjengezo;Ningabathuthuzeli abayindinisa, nonke niphela.

3 Aphelile na amazwi angumoya?Ùxhokonxwa yintoni na, ukuba uphendule?

4 Nam ndibe ndingathethayo njengani.Ukuba umphefumlo wenu ubusendaweni yomphefumlo wam.Ndibe ndinganiqukela ukuthetha,Ndinihlunguzele intloko;

5 Ndibe ndinganikhaliphisa ngomlomo wam,Nokukhuza komlomo wam kulunqande usizi lwenu.

6 Nokuba ndithe ndathetha, àwunqandwa umvandedwa wam;Nokuba ndithe ndayeka, kumka ntoni na kum?

7 Hayi, ngoku úndidinisile;Ùliphanzisile lonke ibandla lam.

8 Ùndintshwenyisile, kwaba lingqina oko;Kwandimela ukubhitya kwam,Kwaphendula ebusweni bam.

9 Umsindo wakhe wandiqwenga, wanditshutshisa;Úditshixizele amenyo akhe;Engumbandezeli wam, uwenzé abukhali amehlo akhe kum.

10 Bandakhaméle umlomo;Ngengcikivo bandibetha ezidleleni;Bonke bayathelelana ukundichasa.

11 UThixo wandinikela kumakhwenkwe,Wandijulela ezandleni zabangendawo.

12 Ndibi ndichulumacha, wándivithavitha,Wandibamba ngentamo, wandihlekeza,Wandimisa ndaba yitekeni* kuye.

13 Bandirhawula abatoli bakhe,Wazityanda izintso zam, engenalufefe,Wayiphalazela emhlabeni inyongo yam.

14 Wandenza iinduma ngeenduma,Wandigila njengegorha.

15 Ndathungela iingubo ezirhwexayo enkwaneni yolùsu lwam,Ndalugquba ngothuli uphondo lwam.

16 Ubuso bam bubomvu kunene kukulila,Phezu kweenkophe zam lithunzi lokufa;

17 Nakuba kungekho kugonyamela ezandleni zam,Uqaqambile umthandazo wam.

18 Mhlaba, musa ukuliselela igazi lam,Kungabi nasikhundla ukuhlahlamba kwam.

19 Nangoku, yabona, lisemazulwini ingqina lam;Ondivumelayo usezindaweni eziphezulu.

20 Abandigxekayo ngabethu aba;Iliso lam liyengezela kuThixo,

21 Ukuba alungisele umfo kuThixo,Ahlule phakathi komntu nommelwane wakhe.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42