Uyobhi 34 XHO75

1 Wasusela uElihu, wathi,

2 Yivani, nina zilumko, ukuthetha kwam;Nina zâzi, ndibekeleni indlebe.

3 Ngokuba indlebe iyakucikida ukuthetha,Ikhuhlangubo liyakuva ukudla.

4 Masizinyulele okusesikweni,Sikwazi phakathi kwethu okulungileyo.

5 Ngokuba úthe uYobhi, Ndililungisa,UThixo ulisusile ibango lam.

6 Kuthiwa ndiyaxoka, noko likhoyo ibango lam;Liyabulala inxeba lam lotolo, noko ndingenalukreqo.

7 Úphi na umfo onjengoYobhi,Yena ukuselayo ukugcula njengamanzi?

8 Athelele kubenzi bobutshinga,Ahambe namadoda angendawo?

9 Kuba esithi, Akancedeki umfoNgokukholana noThixo.

10 Ngako oko, nina madoda okuqonda, phulaphulani kum;Makube lee kuThixo ukuba ngongendawo;KuSomandla, ukuba abe nobugqwetha,

11 Ke ukwenza komntu ukúbuyekeza kuye,Amfumanise umfo ngokwehambo yakhe.

12 Hayi bo! UThixo akenzi ngokungendawo,USomandla akakugwenxi okusesikweni.

13 Ngubani na omphathise ihlabathi?Ngubani na omise elimiweyo lonke?

14 Ukuba ubebhekise kuye ngokwakhe yedwa,Wawuhlanganisela kuye umoya wakhe, nokuphefumla kwakhe,

15 Ibiya kuphuma umphefumlo inyama yonke kunye,Umntu abuyele eluthulini.

16 Wanga ungákuqonda, ungákuva oku,Ulibekele indlebe izwi lokuthetha kwam!

17 Kanene, othiye okusesikweni ubengaphatha ngobukhosi, yini na?Khona uSobulungisa wòmgweba na?

18 Kungáthiwa na kukumkani, Tshijolondini?Nakumanene, Zintondini zingendawo?

19 Kangakanani na ke kongabanoneleliyo abathetheli,Onganoneleli zinongonongo ngaphezu kwabasweleyo?Kuba bangumsebenzi wezandla zakhe bona bonke.

20 Bafa ngephanyazo, phakathi kobusuku;Bayahexiswa abantu, badlule,Zisuswe iimbalasane kungengasandla.

21 Kuba amehlo akhe aphezu kweendlela zomntu,Úyawabona onke amabanga akhe.

22 Akukho bumnyama, akukho thunzi lakufa,Ukuba basithele kulo abenzi bobutshinga.

23 Ngokuba akazekeleli ukumngqinga umntu,Ukuze eze ematyaleni noThixo.

24 Úyabashwaqa abaziinyathi engagocagocanga,Amise ke abanye esikhundleni sabo.

25 Ngako oko úyazazi izenzo zabo,Ababhukuqe ebusuku, batyumke.

26 Úyabamonxoza ngokwabangendawoEndaweni yababoneli.

27 Ekungenxa yokuze kubekho oko, le nto batyekáyo ekumlandeleni,Àbaziqiqa zonke iindlela zakhe;

28 Ukuze bakufikise kuye ukukhala kosweleyo,Akuve ukukhala kweentsizana.

29 Akùzolisa, ngubani na oya kuxhalisa?Akùsithelisa ubuso, ngubani na ongámbonayo?Esenjenjalo, nokuba kungenxa yohlanga, nokuba kungenxa yomntu emnye,

30 Ukuze angabi ngukumkani umntu oyintshembenxa,Angabi zizirhintyelo zabantu.

31 Ngokuba ubani angátsho na kuThixo ukuthi,Ndiziphakamisile, andisayi kuba sona;

32 Endingakuboniyo, ndíyale ngako;Ukuba ndithe ndenza ngobugqwetha, andiyi kuphinda?

33 Úya kuphindezela ngokwakho na yena, ngokuba usolile wena?Ukuba unyule wena, kunganyuli mna.Into oyaziyo yithethe.

34 Aya kuthi kum amadoda aziingqondi,Nomfo osisilumko ondiphulaphulayo,

35 UYobhi uthetha engenakwazi,Namazwi akhe akanangqiqo.

36 Tarhuni, makacikidwe uTobhi kuse ekupheleni,Ngenxa yokuphendula kwakhe ngokwamadoda anobutshinga.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42