Uyobhi 14 XHO75

1 Umntu, into ezelwe ngumfazi,Imihla yakhe mifutshane, izele ziinkathazo.

2 Uphuma njengentyantyambo, abune;Ubaleka njengethunzi, angemi.

3 Onjalo ùmvelela ngeliso lakho,Undimise mna ematyaleni phambi kwakho?

4 Akwaba bekukho ohlambulukileyo ophume koyinqambi!Akukho nokuba abe mnye.

5 Imisiwe nje imihla yakhe,Liyaziwa nguwe inani leenyanga zakhe;Umenzéle ke umda wakhe ongenakugqithwa.

6 Susa amehlo akho kuye, aphumle,Ade akholiswe njengomqeshwa yimini yakhe.

7 Kuba kukho ithemba emthini;Ukuba uthe wagawulwa, wóbuya uhlume,Igatya lawo lingapheli.

8 Ukuba ithe yaba ndala ingcambu yawo emhlabeni,Safa isibili sawo eluthulini:

9 Ngevumba lamanzi wódubula,Wenze amasebe njengesithodlana.

10 Ke yena umfo ufa angquleke;Umntu uphuma umphefumlo; abe phi na ke?

11 Amanzi aselwandle ayemka;Umlambo uyatsha, wome:

12 Umntu ulala phantsi ke, angavuki;Lide izulu lingabikho, bangàqabuki,Bangàvuswa ebuthongweni babo.

13 Akwaba ubungandigushayo kwelabafileyo,Undisithelise ude ubuye umsindo wakho;Undimisele umda, undikhumbule ke!

14 Ukuba úthe umfo wafa, wóphila na?Yonke imihla yokuphuma kwam umkhosi, bendinga ndingalinda,Kude kufike ukukhululwa kwam.

15 Ubungábizayo ke, ndisabele mna,Uwulangazèle umsebenzi wezandla zakho.

16 Kuba ngoku uyawabala amabanga am,Àkuzigcinile ngenxa yesono sam.

17 Sitywiniwe savingcelwa engxoweni isikreqo sam;Wahlomela ebugwenxeni bam.

18 Kodwa intaba, isíwa, iyagubeka;Iliwa liyashenxa endaweni yalo;

19 Amanzi ayawadla amatye;Iziphango zawo ziyalukhukulisa uthuli lomhlaba;Ithemba lomntu ùyalidakisa ke.

20 Ùthi gaga phezu kwakhe kuphele, emke;Uguqula ubuso bakhe, umgxothe.

21 Bayazuka abantwana bakhe, angazi yena;Baba ziimbedlenge, angagqali yena.

22 Kuye yedwa ibuhlungu inyama yakhe,Umphefumlo wakhe uyalila ngaphakathi.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42