Uyobhi 27 XHO75

1 Wahambisa uYobhi, waphakamisa umzekeliso wakhe, wathi,

2 Ehleli nje uThixo, olisusileyo ibango lam,USomandla, owenzé krakra umphefumlo wam

3 (Kuba kusekum ukuphefumla kwam konke,Nomoya kaThixo usemathatheni am),

4 Umlomo wam awuthethi bugqwetha,Nolwimi lwam aluxeli nkohliso.

5 Makube lee kum ukuthi, niyalungisa;Ndoda ndiphume umphefumlo, ndingayisusi kum ingqibelelo yam.

6 Ndobambelela ebulungiseni bam, andiyi kubuyeka;Intliziyo yam ayiyi kungcikiva mini eziminini zam.

7 Malube njengongendawo utshaba lwam,Nósukela phezulu kum abe njengogqwethayo.

8 Kuba liyintoni na ithemba lentshembenxa, xa athe wawunqumla,Xa athe wawurhola uThixo umphefumlo wayo?

9 Wókuva na uThixo ukuhlahlamba kwayo,Xa ifikelwe yimbandezelo?

10 Khona inokuziyolisa na ngoSomandla?Ingamnqula na uThixo ngamaxesha onke?

11 Ndiya kuniyala ngokusingisele esandleni sikaThixo;OkunoSomandla andiyi kukukhanyela.

12 Yabonani, nonke niphela ngokwenu nikubonile;Yini na ke ukuba nithethe into engento yakonto?

13 Siso esi isabelo somntu ongendawo kuThixo,Nelifa labaziingqwangangqwili, abalamkelàyo kuSomandla.

14 Ukuba bathe banda oonyana bakhe, bandiselwa ikrele;Nabaphume embilinini wakhe àbahluthi kukutya.

15 Amaqongqolo akhe aya kungcwatywa kukufa,Abahlolokazi bakhe bangalili.

16 Ukuba úthe wafumba isilivere njengothuli,Wazilungisela izambatho njengodaka:

17 Angázilungisa, koko ziya kwambathwa lilungisa,Nesilivere leyo babelane ngayo abamsulwa.

18 Uyakha indlu yakhe njengenundu,Njengephempe elenziwe yimboniseli.

19 Ulala phantsi esisityebi, akaphindi;Uvula amehlo akhe, angabikho.

20 Kumthabatha njengamanzi ukukhwankqa,Simbé ebusuku isaqhwithi.

21 Luyamfukula ulophu lwasempumalanga, emke,Lumqweqwedise endaweni yakhe.

22 UThixo umgibisela angamcongi;Usibaleka asibaleke isandla sakhe.

23 Bamtyhwakrazela izandla,Bamenzele umsondlo, emke endaweni yakhe.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42