Uyobhi 32 XHO75

Iintetho zikaElihu

1 Ayeka loo madoda omathathu ukumphendula uYobhi; kuba ubelilungisa emehlweni akhe.

2 Wavutha umsindo kaElihu unyana kaBharakeli, wakwaBhuzi, owemizalwane yakwaRam; wavutha kuYobhi umsindo wakhe, ngenxa yokuzigwebela ngokwakhe kunoThixo.

3 Wavutha kubahlobo bakhe abathathu umsindo wakhe, ngenxa enokuba bengafumananga kumphendula, phofu bemgwebile uYobhi.

4 Ke kaloku uElihu ubesalindisile kuYobhi ngamazwi, ngokuba babebadala kunaye ngemihla.

5 Wabona uElihu, ukuba akukho mpendulo emlonyeni waloo madoda mathathu, wavutha ke umsindo wakhe.

6 Wasusela uElihu unyana kaBharakeli, wakwaBhuzi, wathi,Ndimncinane mna ngemihla,Ke nina niziingwevu;Ngenxa yoko ndakhwelela phaya, ndoyika ukunityela ukwazi kwam.

7 Ndathi, Imihla mayithethe,Iminyaka emininzi yazise ubulumko.

8 Noko ngumoya osemntwini,Nokuphefumla kukaSomandla okubaqondisayo.

9 Ukulumka àkunábakhulu,Ukuqonda okufaneleyo àkunámadoda makhulu odwa.

10 Ngako oko ndithi, Phulaphula kum, Ndokutyela ukwazi kwam nam.

11 Yabonani, bendiwalindile amazwi enu,Ndakubekela indlebe ukuqonda kwenu,Nada nagocagoca ukuthetha.

12 Ndanigqala kakuhle;Yabonani, akukho namnye kuni umohlwayileyo uYobhi,Wawaphendula amazwi akhe.

13 Hleze nibe nithi, Sibufumene ubulumko;UThixo uyamphephetha, asingumntu.

14 Ke akakubhekisanga kum ukuthetha;Andiyi kumphendula ngamazwi enu.

15 Baqhiphuke umbilini, abasaphenduli;Baphelelwe kukuthetha.

16 Khe ndenze kùhle na, ngokuba bengathethi,Ngokuba bemi bengasaphenduli?

17 Ndiya kuphendula nam okwam,Ndixele ukwazi kwam nam.

18 Kuba ndizele kukuthetha;Únditcuthile umoya wembilini yam.

19 Niyabona, imbilini yam injengewayini engavulelwanga;Njengeentsuba ezintsha, iza kugqabhuka.

20 Ndiya kuthetha, ukuze ndiphefumle;Ndiya kuwuvula umlomo wam, ndiphendule.

21 Mandingàkhe ndinonelele mntu;Ndingàkhe nditeketise mntu.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42