Uyobhi 24 XHO75

1 Yini na ukuba kungàbekwa maxesha nguSomandla? Yini na ukuba abamaziyo bangaziboni iimini zakhe?

2 Kushenxiswa imilimandlela;Kuphangwa imihlambi, yaluswe.

3 Kuqhutywa kumkiwe ne-esile lenkedama,Kubanjiswe ngenkomo yomhlolokazi.

4 Kugilwa amahlwempu endleleni,Bazímele ndawonye abaziintsizana belizwe.

5 Khangela, njengamaesile asendle entlango,Baphuma ngomsebenzi wabo, befuna kwakusasa into yokudla;Inkqantosi sisonka sabantwana kubo.

6 Esisimini bavuna ukutya kwabo,Babhikice esidiliyeni songendawo.

7 Balala zé bengenangubo,Àbananto yokuzigubungela engqeleni,

8 Bayanetha sisiphango seentaba;Bancathama ngeliwa, bengenandawo yakuzímela.

9 Kuhluthwa ebeleni iinkedama,Koniwe abaziintzisana.

10 Bahamba zé, bengenangubo;Bathwala izithungu, belambile.

11 Phakathi kweendonga zâbaya bakhama ioli,Baxovula ezixovulelweni zewayini, benxaniwe noko.

12 Emizini kugula amadoda,Nomphefumlo wabangxwelerhiweyo uyakhala;Kanti uThixo akathi bubuhilihili.

13 Ngabo abo bagwilika ekukhanyeni;Abanakwazana neendlela zako,Abahlali ezingqushwini zako.

14 Kusathi qhiphu ukusa, kuvuka isihange,Sibulale iintsizana namahlwempu;Ebusuku sibe njengesela.

15 Iliso lomkrexezi ligciné ungcwalazi;Ùthi, Akukho liso liya kundalama,Anxibe isigqubuthelo ebusweni.

16 Bagqobhoza izindlu emnyameni;Emini bayazivalela,Abazani nokukhanya.

17 Ngokuba ubumnyama obuthe shinyi bukukuza kokusa kubo bonke;Ngokuba bazana nokhwankqiso lobumnyama obuthe shinyi.

18 Bayakhawuleza phezu kwamanzi;Sitshabhisiwe isabelo sabo ehlabathini;Abasasingi endleleni yesidiliya.

19 Amanzi ekhephu ahluthwa ngumqwebedu nakukubalela;Aboni bahluthwa lelabafileyo.

20 Sibalibele isizalo; iimpethu ziyabamunya,Ababi sakhunjulwa;Baphulwe ke njengomthi ubugqwetha.

21 Bamphanga kakubi oludlolo, ongazalanga;Abangamenzelanga okulungileyo umhlolokazi.

22 Wolula imihla yeembalasane ngamandla akhe,Ziphakame bezise zibuncamile ubomi.

23 Uzinika inkoloseko, zayame,Amehlo akhe abe phezu kweendlela zazo,

24 Ziphakame: kube mzuzwana zingabikho.Zithe ngqu, zibuthiwe njengabanye bonke,Zinqanyulwe njengesikhwebu sengqolowa.

25 Ukuba kanti akunjalo, ngubani na owondenza othetha amanga,Akwenze into engento ukuthetha kwam?

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42