1 Waphendula uYobhi, wathi,
2 Nanamhlanje inkalazo yam ineenkani,Isandla sam sinzima phezu kokugcuma kwam.
3 Yoo! Andaba bendisazi apho ndingamfumana khona,Ndize esihlalweni sakhe!
4 Bendiya kulicacisa phambi kwakhe ityala lam,Ndiwuzalise umlomo wam ngeziganeko.
5 Andaba bendikwazi ukuthetha abeya kundiphendula ngako,Ndiyiqonde into abeya kuyithetha kum.
6 Wóbambana nam ngamandla amakhulu na?Hayi! Kodwa ke wóndigqala.
7 Oko othe tye ubeya kubonisana naye,Ndisinde kumgwebi wam, kuphele.
8 Yabona, ndisinga phambili, angabikho;Nangasemva, ndingàmnakani;
9 Ngasekhohlo, ekusebenzeni kwakhe, ndingàmalami;Xa atyekela ngasekunene, ndingàmboni.
10 Kuba úyayazi indlela enam;Endicikidile, bendiya kuphuma njengegolide.
11 Unyawo lwam lubambé umkhondo wakhe,Ndayigcina indlela yakhe, andathi gu bucala.
12 Emthethweni wemilebe yomlomo wakhe andisukanga;Ndiwabekile amazwi omlomo wakhe kunowam ummiselo.
13 Ke yena umi ndaweninye, ngubani na ongambuyisayo?Umphefumlo wakhe ukhanukile, úya kwenza oko.
14 Kuba uya kukufeza oko ndikumiselweyo;Zininzi ke izinto ezinje kuye.
15 Ngenxa yoko ndikhwankqiswe ebusweni bakhe.Ndakukugqala, ndisuka ndinkwantye nguye.
16 UThixo uyiqobisile intliziyo yam.USomandla undikhwankqisile.