Uyobhi 22 XHO75

Intetho yokugqibela kaElifazi

1 Wasusela uElifazi wakwaTeman, wathi,

2 Umfo unokumnceda na uThixo?Hayi bo! Uzinceda ngokwakhe oqiqayo.

3 Kumnandi na kuSomandla, xa ùlilungisa?Kuyinzuzo na kuye, ukuba ùyazigqibelelisa iindlela zakho?

4 Úya kukohlwaya na ngenxa yokoyika kwakho uThixo,Aye nawe ematyaleni?

5 Ububi bakho abubukhulu na?Ubugwenxa bakho asibobungaphele ndawo na?

6 Kuba ubúbambise umzalwana wakho ngelizé,Ububahluba abazé iingubo.

7 Ubungàmsezi manzi otyhafileyo,Olambileyo ubumvimba ukutya.

8 Ke indoda enengalo, belilelayo ilizwe;Obekekileyo ubehlala kulo.

9 Abahlolokazi ububandulula belambatha,Neengalo zeenkedama ubuzityumza.

10 Ngenxa yoko imigibe ikujikelezile,Ukhwankqiswe ngesiquphe kukunkwantyiswa.

11 Khona akububoni na ubumnyama,Nobuninzi bamanzi akugubungelayo?

12 UThixo ukuphakama kwakhe asikokwamazulu yini na?Bóna ke intloko yazo iinkwenkwezi, ukuba phezulu kwayo!

13 Ùthi ke wena, Wázi ntoni na uThixo?Únokugweba na, engaphaya kobumnyama bamafu?

14 Amafu amsithile, akaboni;Úzihambela okwakhe esazingeni samazulu.

15 Umendo wasephakadeni ùya kuwugcina na,Abawunyatheléyo abantu abanobutshinga?

16 Àbashwabene lingekabi lixesha;Lwanyibilika, lwangumsinga useko lwabo,

17 Àbabesithi kuThixo, Suka kuthi;Angabenza ntoni na uSomandla?

18 Kanti ebenguye ozalisa izindlu zabo ngezinto ezilungileyo.Iqhinga labangendawo malibe lee kum.

19 Aya kubona oko amalungisa, avuye;Omsulwa uyabagculela, esithi,

20 Inene, abasukele phezulu kum bathe shwaka,Wakúdla umlilo ukuphuphuma kwabo.

21 Khawenze ubuhlobo naye, ube noxolo;Ngaloo nto wòzelwa kokulungileyo.

22 Khawamkele umyalelo emlonyeni wakhe,Ubeke iintetho zakhe entliziyweni yakho.

23 Ukuba ùthe wabuyela kuSomandla, ùya kwakhiwa.Ukuba uthe wabubeka kude ubugqwetha ezintenteni zakho,

24 Walibeka eluthulini ilitye legolide,Wayibeka eluhlalwini lwemilanjana neyakwaOfire:

25 USomandla woba lilitye legolide kuwe,Nesilivere ebengezelayo kakhulu.

26 Ngokuba ùya kwandula ukuziyolisa ngoSomandla,Ubuphakamisele kuThixo ubuso bakho.

27 Wòthandaza kuye, eve,Uzizalise izibhambathiso zakho;

28 Usongele into, ifezeke kuwe;Ezindleleni zakho kukhanye, kube mhlophe.

29 Xa zithe zehla, wòthi, Phezulu!Amsindise omehlo aqondele phantsi.

30 Úya kusindisa nongemsulwa,Asizwe bubunyulu bezandla zakho.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42