Uyobhi 5 XHO75

1 Khawubize kambe, ukuba úkho na owokuphendula.Ùya kubheka kuwuphi na kwabangcwele?

2 Kuba ingqumbo iyambulala osisimathane,Nekhwele liyambulala osisiyatha.

3 Ndimbonile mna osisimathane emila;Ndaza ndalishwabulela ngesiquphe ikhaya lakhe.

4 Bakude nosindiso abantwana bakhe,Batyunyuzwa esangweni bengenamhlanguli;

5 Ekubeni abalambileyo besidla uvuno lwakhe,Balurhole naseluthangweni lwesiphingo;Abanxaniweyo bazonda ubutyebi babo.

6 Kuba inkohlakalo ayiphumi eluthulini,Nobuni abuntshuli emhlabeni;

7 Hayi, umntu uzalelwa ububi,Njengokuba iintlantsi zinyuka ukubaleka kwazo.

8 Ke mna bendiya kusingisa kuThixo,Indawo yam ndiyibhekise kuThixo,

9 Owenza izinto ezinkulu ezingenakugocwagocwa,Imisebenzi ebalulekileyo engenakubalwa;

10 Ulonika imvula phezu kobuso bomhlaba,Ase amanzi phezu kwamaphandle,

11 Ukuba abathobekileyo abamise ezindaweni eziphakamileyo,Abanezimnyama zokuzila banyukele elusindisweni.

12 Utshitshisa iingcinga zabo banobuqhophololo,Zingenzi nto izimasekileyo izandla zabo.

13 Ubambisa izilumko kubuqhophololo bazo,Iqhinga labanobuqokolo lingxamiseke ke.

14 Emini baqubisana nobumnyama,Baphuthaphuthe kwemaqanda, ngathi kusebusuku.

15 Usindisa ihlwempu ekreleni, emlonyeni wabo,Nasesandleni sowomeleleyo.

16 Kubekho ke ithemba kosweleyo,Ubugqwetha buwuvale umlomo wabo.

17 Yabona, únoyolo mntu owohlwaywa nguThixo!Musa ke ukukucekisa ukuthethisa kukaSomandla!

18 Kuba wénza buhlungu, abophe;Úyaphalusa, ziphilise izandla zakhe.

19 Ezimbandezelweni ezintandathu úya kukuhlangula,Nakwezisixhenxe akuyi kuchukunyiswa bububi;

20 Endlaleni úkukhulula ekufeniEmfazweni úkukhulula ekuxatyelweni ngekrele,

21 Eziniyeni yolwimi ùzinyezwe,Ungoyiki imbuqo, yakufika.

22 Imbuqo nendlala ùya kuyihleka,Nerhamncwa lasendle ungaloyiki.

23 Kuba ùnqophisene namatye asendle,Amarhamncwa asendle axolelene nawe;

24 Uya kwazi ukuba uxolo yintente yakho,Ulivelele ikhaya lakho, ungaphosani nanto;

25 Uyàzi ukuba ininzi imbewu yakho,Nenzala yakho injengomfuno wehlabathi.

26 Ùya kungena engcwabeni womeléle,Njengokungeniswa kwesithungu ngexesha laso.

27 Bôna, oku sìkugocágocile, kunjalo;Kúve, ukwazi wena ngokwakho.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42