1 Umoya wam wonakele, imihla yam icinyiwe,Into yam ngamangcwaba.
2 Inene ndiyinto abadlala ngayo,Neliso lam lilibéle ziinkani zabo.
3 Khawubeke into, undimele;Ngubani na yena oya kubambana nam ngesandla?
4 Ngokuba intliziyo yabo ùyifihlele ukuqiqa;Ngenxa yoko akuyi kubaphakamisa.
5 Unikela abahlobo ukuba babe ngamaxhoba,Amehlo abantwana bakhe aze aphelelwe.
6 Undimise ndaba ngumzekeliso ezizweni;Ndaba ngotshicelwa ebusweni.
7 Laza lanorhatyazo iliso lam kukukhathazeka;Amalungu am aba njengesithunzi onke ephela.
8 Bamangaliswa abathe tye yile nto;Omsulwa uyazixhokonxa ngenxa yentshembenxa.
9 Ke olilungisa ubambe indlela yakhe,Ozandla zihlambulukileyo uya ekhalipha.
10 Kodwa nina nonke, buyani, khanize;Andiyi kufumana silumko phakathi kwenu.
11 Imihla yam idlule, zijaciwe izigqibo zam,Amafa entliziyo yam.
12 Bathi ubusuku yimini;Ukukhanya kusondele, xa kuza kuba mnyama.
13 Ukuba ndithe ndathemba, ndithembé elabafielyo, indlu yam;Ndandlala umandlalo wam emnyameni;
14 Ukuba ndithe kukubola, Ùngubawo;Ndathi kwimpethu, Ùnguma, ùngudade wethu:
15 Liphi na ke ngoku ithemba lam?Ithemba lam, ngubani na owolibona?
16 Liya kuhla liye emivalweni yelabafileyo,Xa siphumla kunye eluthulini.