Uyobhi 33 XHO75

1 Kodwa khawukuve, Yobhi, ukuthetha kwam,Uwabekele indlebe amazwi am onke.

2 Khawubone, ndiwuvulile umlomo wam,Luyathetha ulwimi lwam ekhuhlangubeni lam.

3 Akukuthi tye kwentliziyo yam amazwi am;Ukwazi komlomo wam ákuthetha kanyulu.

4 UMoya kaThix wandenza,Nokuphefumla kukaSomandla kundidlise ubomi.

5 Ukuba ùnako, ndiphendule;Yakha uluhlu amazwi phambi kwam; misa.

6 Ùyabona, njengawe ndingokaThixo;Ndacatshulwa eludongweni nam.

7 Yabona, ukothusa kwam akuyi kukudandathekisa;Nokushicilela kwam akuyi kuba nzima phezu kwakho.

8 Okunene, ùthethe ezindlebeni zam,Ndaliva ilizwi lokukhuluma, lisithi,

9 Ndiqaqambile, andinalukreqo;Ndiguxiwe, andinabugwenxa.

10 Yabona, ufuna izizekabani zokuthibana nam,Úthi ndilutshaba lwakhe.

11 Úzifaka iinyawo zam esitokisini,*Úwulinga wonke umendo wam.

12 Yabona akulungisi ngaloo nto; ndokuphendula;Kuba uThixo yena mkhulu kunomntu.

13 Yini na ukuba ubambane naye,Kuba engaphenduli ngeendawo zakhe zonke?

14 Kanti, hayi, ngendlela enye uThixo uyathetha,Nangezimbini, ke akukhathalwa.

15 Ephupheni, embonweni wasebusuku,Bakuwelwa bubuthongo obukhulu abantu,Ekozeleni elukhukweni;

16 Uzityhila oko iindlebe zabantu,Akutywine akuvingce ukuthethiswa kwabo,

17 Ukuze amthinte umntu ekwenzeni into,Agubungele uqhankqalazo lomfo;

18 Awunqande umphefumlo wakhe esihogweni,Nobomi bakhe bungagqitheli emkhontweni.

19 Wohlwaywa umntu ngumvandedwa esililini sakhe,Nayimfazwe esimakade emathanjeni akhe;

20 Ubomi bakhe bukwale ukudla,Nomphefumlo wakhe wale ukudla okunqwenelekayo.

21 Iyadleka inyama yakhe, ingabonakali,Avele amathambo akhe abengabonakali.

22 Úyasondela ke esihogweni umphefumlo wakhe,Nobomi bakhe kubabulali.

23 Ukuba ke kuthe kwakho isithunywa sezuluEsimlamlelayo, noko sisinye ewakeni,Sokùmxelela umntu okumfaneleyo:

24 Wómbabala, athi,Mkhulule, angehli aye esihogweni,Kuba ndilufumene ucamagusho.

25 Isuka ibe nentlahla inyama yakhe;Ubuyela emihleni yobudodana bakhe;

26 Uthandaza kuThixo, akholiswe yena nguye;Abubone ubuso bakhe eduma;Yena ambuyekeze ke umntu ubulungisa bakhe.

27 Lo úvuma ebantwini, athi,Bendonile, ndakúgwenxa okuthe tye,Akwalinganiselwa kum njengoko noko.

28 Úwukhulúle umphefumlo wam, ukuba ungagqitheli esihogweni,Nobomi bam bókubona ukukhanya.

29 Yabona, oko konke uyakwenza uThixoIzihlando ezibini nezithathu kumfo,

30 Ukuba abuyise umphefumlo wakhe esihogweni,Ukhanye ngokukhanya kobomi.

31 Baza indlebe, Yobhi, phulaphula kum;Yithi tu, ndithethe mna.

32 Ke ukuba ùnokuthetha, ndíphendule;Thetha, kuba ndifuna ukukugwebela.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42