Uyobhi 39 XHO75

1 Ùyalazi na ixesha lokuzala kwamagogo asemaweni,Ugqale ukuzùza kwamaxhamakazi?

2 Ùyazibala na iinyanga azizalisayo,Ulazi na ixesha lokuzala kwawo?

3 Uyaguqa, azale,Akhuphe inkonyana.

4 Ayomelela amankonyana awo, akhula emathafeni,Aphuma, angabi sabuya.

5 Ngubani na olindululeyo iesile lasendle likhululekile?Iimbophelelo ze-esile elindwebileyo, ngubani na ozithukululeyo,

6 Endilimisele inkqantosi ukuba ibe yindlu yalo,Neendawo ezinetyuwa zibe likhaya lalo?

7 Liyayihleka ingxokolo yomzi,Aliyiva ingxolo yomqhubi.

8 Umfuno weentaba bubutyani balo,Lilanda lonke uhlaza.

9 Yovuma na inqu ukukukhonza,Ilale esitalini sakho?

10 Unokuyibopha na inqu emqeleni ngomqokozo wayo,Iqwakanise iintili, ikulandela?

11 Wòkholosa na ngayo, ngokuba emakhulu amandla ayo,Ukushiye nayo ukuxelenga kwakho?

12 Ùnokukholwa na kuyo, ukuba yoyigodusa imbewu yakho,Ibuthele esandéni sakho?

13 Iphiko lencinibakazi liyaphapha;Lunenceba yengwamza na ke usiba lwayo, noboya bayo?

14 Hayi bo! Iwashiya emhlabeni amaqanda ayo,Ifukamele eluthulini;

15 Ilibale ukuba unyawo lowatyumza,Nerhamncwa lasendle lowanyathela.

16 Iyawabukula amathole ayo ngathi asingawayo,Kuphalale ukuxelenga kwayo, ingaxhali.

17 Ngokuba uThixo wenzé yabulibala ubulumko,Akayabela ingqondo.

18 Xesha limbi izibetha iphakame,Ilihleke ihashe nomkhweli walo.

19 Linikwa nguwe na ihashe ubukroti?Ùyambathise intamo yalo ngobuyakayaka?

20 Nguwe na oliqakathisa njengenkumbi?Isandi somfutho walo siyothusa.

21 Liyagquba entilini ngamanqina, lenze amagqasi ngamandla;Liphuma likhawulele umkhosi onesikrweqe.

22 Liyakuhleka ukunkwantya; aliqhiphuki mbilini;Alijiki phambi kwekrele.

23 Úrhashaza phezu kwalo umphongolo,Nentshuntshe ebengezelayo, nenkcula.

24 Ngentshakavu nangengcwangu liginya ilizwe;Alimi kwakuvuthelwa isigodlo.

25 Ókuvuthela sivuthelwayo isigodlo, lisuka ngathi lithi, Ngxatsho ke!Lisezela imfazwe kwakude,Nokududuma kwabathetheli, nokufunza.

26 Intambanane iphaphazela ngengqondo yakho na,Yolule amaphiko ayo, ibheke ezantsi?

27 Kungomthetho wakho na, ukuba ixhalanga linyuke,Liyiphakamise indlu yalo,

28 Lihlale engxondorheni, lilaleEtsolweni lengxondorha, nasemboniselweni?

29 Lilapho lihlola ukudla;Amehlo alo ondele kude.

30 Amathole alo afunxa igazi;Nalapho bakhona abangxwelerhiweyo, likhona nalo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42