1 Wasusela uBhiledadi wakwaShuwa, wathi,
2 Ulawulo nonkwantyiso lunaye;Wenza uxolo ezindaweni zakhe eziphezulu.
3 Inokubalwa na imikhosi yakhe?Ngubani na ongàphunyelwayo kukukhanya kwakhe?
4 Angáthini na umntu ukuba lilungisa kuThixo?Angáthini na ukuba ngoqaqambileyo ozelwe ngumfazi?
5 Yabona, nenyanga ayimhlophe,Neenkwenkwezi aziqaqambile, emehlweni akhe.
6 Ubeké phi na ke umntu, impethu le,Nonyana ka-Adam, umbungu lo?