Uyobhi 11 XHO75

Intetho yokuqala kaTsofare

1 Wasusela uTsofare waseNahama, wathi,

2 Le nto ininzi yamazwi ayikuphendulwa na,Indoda elipholopholo igwetyelwe na?

3 Ukuphololoza kwakho kuya kubetha athi tu na amadoda,Ukuba ugculele, kungabikho ukuhlazayo?

4 Ùthi, Iqaqambile imfundiso yam,Ndinyulu emehlweni akho.

5 Kodwa akaba uThixo ubethetha,Avule umlomo wakhe kuwe;

6 Akuxelele iimfihlakalo zobulumko,Ukuba buphindeke kabini, bayinto ezimasekileyo;Ùbuya kwazi ke ukuba uThixo wenzé ukuba ubulibale ubugwenxa bakho.

7 Ùnokufikelela na ezingontsingontsini zikaThixo?Unokufikelela na ekufezekeni kukaSomandla?

8 Kuphakame ngokwamazulu; ùnokwenza ntoni na?Kunzulu kunelabafileyo; ùnokwazi ntoni na?

9 Kukude kunehlabathi ukulinganiswa kwako,Kubanzi kunolwandle.

10 Ukuba úthe phe yena, wavingcela,Wamemela ematyaleni, ngubani na onokumnqanda?

11 Kuba yena uyabazi abantu abakhohlakeleyo,Uyabubona ubutshinga engaqondelanga.

12 Nomntu onjengesidenge angaba nokuqonda,Nethole le-esile lasendle lingaba nokuzalwa lingumntu.

13 Ukuba uthe wena wabhekisa intliziyo yakho kuye,Wazolulela izandla zakho kuye:

14 Ukuba kuthe kwakho inkohlakalo esandleni sakho, yise kude,Ungabuhlalisi ubugqwetha ezintenteni zakho;

15 Okunene, ùya kwandula ukubuphakamisa ubuso bakho bungenasisihla,Uthi bhuxe, ungoyiki.

16 Kuba wòkulibala ukwaphuka kwakho,Ukukhumbule njengamanzi adluleyo;

17 Ukudla kwakho ubomi kuvuke, kuqaqambe ngaphezu kwemini enkulu;Nakuba kusongelwe emnyameni, kokhanya njengokusa.

18 Wòkholosa, ngokuba sekukho ithemba,Uhlole, ulale phantsi enkolosekweni;

19 Ubuthume, kungekho wothusayo,Bakuncekelele abaninzi.

20 Ke wona amehlo abangendawo ophelelwa;Idake kubo indawo yokusabela,Ithemba labo libe kukuphuma umphefumlo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42